Access to Information Manual (Xhosa)

August 2013

Access PDF version [PDF]

Incwadana equlethe amanqaku ngokwecandelo le-14 lomthetho wokuxhasa ukufikelela koluntu kulwazi ngezikarhulumente wama-2000 (umthetho nombolo 2 wama-2000)
  • Intshayelelo
  • Igunya le-GCIS
  • Amacandelo e-GCIS
  • Ingcaciso ethe vetshe ngemisebenzi
  • Isakhiwo sabaLawuli be-GCIS
  • Iinkcukacha zoqhagamshelwano zeGosa lezoLwazi
  • Isikhokelo sokusebenzisa lo Mthetho kwiKomishoni yamaLungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika Inkcazelo ngemiba i-GCIS egcine iingxelo ngayo  
  • Iingxelo ezifumaneka ngokuzenzekelayo kwa-GCIS 
  • Indlela yokucela ukufikelela kwingxelo
  • Izisombululo ezifumanekayo ngokuphathelele kwiMithetho okanye ukusilela kwayo      
  • Imirhumo emiselweyo
  • Amaxwebhu amiselweyo okufikelela kwingxelo yequmrhu loluntu

 

1.    Intshayelelo

UMthetho wokuXhasa ukuFikelela kuLwazi wama-2000, uchaza ukuba iqumrhu ngalinye kufuneka ligunyazise iGosa lezoLwazi/amaGosa ezoLwazi kunye neSekela leGosa lezoLwazi/namaSekela Gosa ezoLwazi aza kuba noxanduva lokuchophela izicelo zokufikelela kulwazi, aze ancede abafake izicelo bazise izicelo zabo.

Le ncwadana iqulethe amanqaku malunga nokufikelela kulwazi  yaphuhliswa njengesikhokelo sokuba uluntu lungafikelela njani kulwazi olugcinwe kwiiNkqubo zoNxibelelwano noLwazi ngezikaRhulumente (i-GCIS). Ichaza ukuba loluphi ulwazi olufumanekayo kwisebe kwaye ikuxelela nokuba ungafikelela njani kolu lwazi. Le ncwadana iphuhlisa ilungelo lokufikelela kulwazi, lungelo elo liyinxalenye yoMgaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika, owaphunyezwa ngowe-1996.

Ngaphandle kweengxelo, ezikwabizwa ngokuthi zifayile, le ncwadana iqulethe iinkcukacha zeGosa lezoLwazi kunye noSekela Gosa lezoLwazi le-GCIS.

2.    Igunya le-GCIS

Elona gunya lingundoqo le-GCIS kukubonelela ngobuchule bokukhokela kunxibelelwano ngezikarhulumente kunye nokulungelelanisa inkqubo yonxibelelwano ngezikarhulumente ukuze iqinisekise ukuba uluntu luyaziswa malunga nemithetho-nkqubo, izicwangciso kunye neenkqubo zikarhulumente.

Umbono: Kukuba luluvo olugqwesileyo kwezonxibelelwano kurhulumente.

Intethonjongo: Ukubonelela ngeenkonzo zobungcali, ukumisela nokuphembelela ukuthotyelwa kwemigangatho ukuze inkqubo yonxibelelwano ngezikarhulumente ihambe kakuhle, kunye nokuqhubela phambili ukusasazwa kwemiyalezo karhulumente nokuzigqatsa kunxibelelwano noluntu malunga nemigaqo-nkqubo, izicwangciso, iinkqubo kunye nezinto aphumeleleyo ukuzenza urhulumente.

2.1    Amacandelo e-GCIS

I-GCIS yakhiwe ukuze izalisekise igunya layo njengokuba lichaziwe apha ngasentla. Inala macandelo ali-15 alandelayo: 

2.1.1    ICandelo IeeMveliso kunye namaQonga
2.1.2    ICandelo lezoRhwebo kunye nokuSasazwa
2.1.3    ICandelo leMigaqo-nkqubo kunye noPhandonzulu
2.1.4    ICandelo lezeziMali, iTyathanga lokuThenga iiNkonzo kunye neeNkonzo ezoNgezelelweyo
2.1.5    ICandelo lokuQesha nokuKhathalela aBasebenzi
2.1.6    ICandelo loLawulo loLwazi noBuchwepheshe
2.1.7    ICandelo leMpahla karhulumente kunye noLawulo lweeNdawo zikaRhulumente
2.1.8    ICandelo leSicwangciso soBuchule kunye ne-Ofisi yoLawulo lweeNkqubo
2.1.9    ICandelo lezoQeqesho kunye noPhuhliso
2.1.10    UKongamela amaQela: ICandelwana lezoQoqosho neNgqesho; uPhuhliso lweziSeko ezinguNdoqo; uBulungisa; ukuThintela uLwaphulo-mthetho kunye noKhuseleko; iNtsebenziswano naMazwe ngaMazwe; uRhwebo kunye noKhuseleko
2.1.11    UKongamela amaQela: uPhuhliso loLuntu; uKhuselo lweNtlalo kunye noPhuhliso loLuntu; uMbuso noLawulo
2.1.12    ICandelo loNxibelelwano lwamaPhondo nooRhulumente beenDawo zaseMaphandleni
2.1.13    ICandelo leeNtsebenziswano namaJelo eeNdaba
2.1.14    ICandelo leNtengiso kunye nokuThenga amaJelo eeNdaba
2.1.15    ICandelo loPhicotho-zincwadi lwangaPhakathi 

2.2    Ingcaciso ethe vetshe ngemisebenzi  

2.2.1    UPhicotho-zincwadi lwangaPhakathi luyilelwe ukuphucula ulawulo lomngcipheko, iinkqubo zokulawula nezoMbuso.

2.2.1    Isebe: ukuchophela kunye nokusasaza

ISebe lokuChophela kunye nokuSasaza  lilungelelanisa ukusekwa nokuphunyezwa koBuchule boNxibelelwano beSizwe.

Imisebenzi yeli sebe yile ilandelayo:

  • Ukuqhuba uphandonzulu lokuhlola iindlela zokuba urhulumente angazazisa njani iimfuno zoluntu
  • Ukongamela usasazo lweenkqubo zikarhulumente ngamajelo eendaba ngokombono wonxibelelwano 
  • Ukubonelela ngesikhokelo sobuchule kuhlalutyo lwamaphephandaba namajelo eendaba asebenzisa ikhompyutha ukwenza igalelo kunxibelelwano lobungcali kunye nokusasazwa ngexesha elifanelekileyo kwemiba karhulumente 
  • Ukuphuhlisa iimveliso zonxibelelwano/ amaqonga kunye nokuqulethweyo konxibelelwano 
  • Ukuthenga ixesha leentengiso kunye/okanye indawo efunekayo ukuze kuqhutywe amaphulo eentengiso zikarhulumente 
  • Ukuququzelela uqeqesho kwezonxibelelwano kunye nophuhliso lwezakhono zabo bangabanxibelelanisi bakarhulumente.

Eli sebe linala macandelo alandelayo:

  • IiMveliso kunye namaQonga
  • Umgaqo-nkqubo kunye noPhandonzulu 
  • URhwebo kunye nokuSasazwa.

A    ICandelo leeMveliso kunye namaQonga lijongene noxanduva lwamaqonga onxibelelwano ngokubanzi adalwe naqhutywa yi-GCIS. La maqonga ayinxalenye yokuzinikela kwethu ekugcineni abemi boMzantsi Afrika nabachaphazelekayo abakwezinye iindawo besazi ngeemithetho-nkqubo nemisebenzi kunye namathuba avela kwezi nkqubo ajoliswe kubemi, amashishini kunye nabanye abathathi-nxaxheba.     

B    ICandelo leMigaqo-nkqubo kunye noPhandonzulu liqhuba uphandonzulu ukuhlola ukuba urhulumente angalwazisa njani uluntu ngeemfuno zalo kunye nokongamela usasazo lweenkqubo zikarhulumente ngamajelo eendaba ngokombono wonxibelelwano.

C    ICandelo lezoRhwebo kunye nokuSasaza liqinisekisa ukuba imisebenzi ye-GCIS inobuchule bokuthengisa nokusasaza zonke iimveliso zayo kuwo onke amaqonga.

2.2.2    Isebe: ukulungelelanisa oorhulumente kunye nolawulo lwabachaphazelekayo

Isebe lokuLungelelanisa ooRhulumente kunye noLawulo lwabaChaphazelekayo libonelela ngobunkokheli kunye neengcebiso zobuchule kwiinkqubo zonxibelwano nolwazi ngezikarhulumente kumaphondo kunye norhulumente weendawo zasemaphandleni. Injongo yalo kukomeleza inkqubo yonxibelelwano karhulumente kunye nokuphumeza uphuhliso lonxibelelwano kusetyenziswa unxibelelwano ngokuthi kubekho ubudlelwane obuluqilima nabachaphazelekayo namaqabane, kunye nokuqinisekisa ukuba uluntu luyaziswa malunga nemigaqo-nkqubo neenkqubo zokuphucula ubomi babo.

Imisebenzi yeli sebe yile ilandelayo:

  • Kukubonelela ngobuchule bobunkokheli kunxibelelwano ngezikarhulumente
  • Kukomeleza kunye nokulawula inkqubo yonxibelelwano olubanzi lukarhulumente ukuze isebenze kwaye ilungelelane ngokufanelekileyo
  • Kukwakha ubuqabane okanye ubudlelwane nabachaphazelekayo abanjongo zikukulandela umbono we-GCIS.

Eli sebe lenziwe ngala macandelo:

  • ICandelo loNxibelelwano lwamaPhondo neeNdawo zaseMaphandleni
  • ICandelo leNtsebenziswano yamaJelo eeNdaba 
  • UKongamela amaQela: iCandelwana  lezoQoqosho neNgqesho; uPhuhliso lweziSeko eziNgundoqo; uBulungisa; ukuThintela uLwaphulo-mthetho kunye noKhuseleko; iNtsebenziswano naMazwe ngaMazwe; namaQela ezoRhwebo kunye noKhuseleko 
  • UKongamela amaQela: uPhuhliso loLuntu; uKhuselo kunye noPhuhliso loLuntu; ezoMbuso noLawulo

A    ICandelo loNxibelelwano lwamaPhondo noRhulumente weeNdawo zaseMaphandleni lubonelela ngobuchule bobunkokheli kumda wonxibelelwano lukarhulumente kazwelonke kunye neenkqubo zonxibelelwano zamaphondo. Eli sebe lilawula ii-ofisi zamaphondo alithoba kunye nesebe elikwi-ofisi kazwelonke. 

B    ICandelo leNtsebenziswano naaJelo eeNdaba ikhokelela kwaye iqhuba intsebenziswano nonxibelelwano phakathi kukarhulumente kunye namajelo eendaba. Okungundoqo kwigunya lalo kukuxhasa nokuququzelela ukuqondwa kwe-ajenda karhulumente ngamajelo eendaba ukuze kukhuthazwe uluntu lube ngabemi abasebenzayo nabazibandakanyayo; uluntu olwaziyo, olucacelweyo zezopolitiko noluzithembileyo ngokubanga amalungelo alo okuziselwa iinkonzo ngokobulungisa.

C    UkoNgamela amaQela: iCandelwana lezoQoqosho neNgqesho; uPhuhliso lweziSeko ezinguNdoqo; uBulungisa; ukuThintela uLwaphulo-mthetho kunye noKhuseleko; iNtsebenziswano naMazwe ngaMazwe, uRhwebo kunye noKhuseleko libonelela ngobuchule beengcebiso ngonxibelelwano lwamaqela kunye nenkxaso kumasebe. Livumela uphuhliso lwezicwangciso zonxibelelwano ezivela kwiKhabhinethi.  Amaqela asekwabonelela ngeqonga lokwenza izicwangciso ngokuhlangeneyo kunye nokuphumeza  iinkqubo zabanxibelelanisi bakarhulumente.

D    UKongamela amaQela: uPhuhliso loLuntu; uKhuselo lweNtlalo kunye noPhuhliso loLuntu; ezoMbuso noLawulo libonelela ngobuchule beengcebiso ngonxibelelwano lwamaqela kunye nenkxaso kumasebe. Livumela uphuhliso lwezicwangciso zonxibelelwano ezivela kwiKhabhinethi. Amaqela asekwabonelela ngeqonga lokwenza izicwangciso ngokuhlangeneyo kunye nokuphumeza iinkqubo zabanxibelelanisi bakarhulumente.

2.2.3    Isebe: linkonzo zokuxhasa ukuphathwa kwemisebenzi 

ISebe leeNkonzo zokuXhasa ukuPhathwa KweMisebenzi lilawula iinkonzo zokuxhasa ekubonelelwa ngazo abalawuli ngokulandelelana kwabo.

Eli sebe linala macandelo alandelayo: 

  • ICandelo lezeziMali, iTyathanga lokuThenga iiNkonzo kunye neeNkonzo ezoNgezelelweyo
  • ICandelo lokuQesha nokuKhathalela aBasebenzi   
  • ICandelo loLawulo loLwazi kunye noBuchwepheshe  
  • ICandelo lempahla kaRhulumente kunye noLawulo lweeNdawo zikaRhulumente
  • ICandelo leSicwangciso soBuchule kunye noLawulo lweeNkqubo 
  • ICandelo lezoQeqesho kunye noPhuhliso.

A    ICandelo lezeziMali, iTyathanga lokuThenga iiNkonzo kunye neeNkonzo ezoNgezelelweyo libonelela ngobuchule bobunkokheli kulawulo lwezezimali kunye nolawulo lokuthenga iinkonzo kumashishini.

B    ICandelo lokuQesha nokuKhathalela aBasebenzi libonelela ngobuchule bobunkokheli ekuphuhliseni ubuchule bolawulo lwezabasebenzi besebe.

C    ICandelo loLawulo loLwazi kunye noBuchwepheshe libonelela ngesikhokelo esenziwe ngobuchule ngokubhekiselele kulawulo lolwazi kunye nobuchwepheshe kwa-GCIS

D    ICandelo leMpahla kaRhulumente kunye noLawulo lweeNdawo zikaRhulumente lijongene nokufumana indawo ukuze kusekwe ii-ofisi ze-GCIS.

E    ICandelo loBuchule bokuCwangcisa kunye noLawulo lweeNkqubo libonelela ngobuchule beenkonzo zolawulo embuthweni ngokuhambelana noMthetho woLawulo LweziMali zikaRhulumente (i-PFMA) kunye neminye imithetho echaphazelekayo. Isekwajongene noxanduva lokubonelela ngeenkonzo zolawulo lweeprojekthi zobungcali ukomeleza ukusebenza ekuziseni iinkonzo ezigunyaziswe yi-GCIS.

F    ICandelo lezoQeqesho kunye noPhuhliso lichonga iimfuno zoqeqesho nophuhliso lwabanxibelelanisi bakarhulumente ngokusekelezwe kubuchule bonxibelelwano besizwe, imigaqo-nkqubo karhulumente kunye neenjongo zonxibelelwano lukarhulumente ngokubanzi. Eli candelo lisekwaphuhlisa umthamo wangaphakathi kwakunye nentlalontle yabasebenzi, ukulingana ngokwesini, ulawulo lokukhubazeka kunye neenkqubo zolutsha.

2.2.4    Isebe: I-Arhente yeenkonzo zonxibelelwano

ISebe le-Arhente yeeNkonzo zoNxibelelwano libonelela nge-arhente yezorhwebo kunye neentengiso esebenza kakuhle ethi iququzelele ukufikeleleka kunye nokuthengwa kweenkonzo zonxibelelwano ezikhethiweyo egameni likarhulumente.

A    ICandelo leNtengiso kunye nokuThenga amaJelo eeNdaba libonelela ngeenkonzo zokuthenga amajelo eendaba ngokuhlangeneyo kunye neentengiso zemveliso zamajelo eendaba oko zikwenzela wonke urhulumente kazwelonke, ukuqinisekisa unxibelelwano lweenkqubo zikarhulumente olusebenza kakuhle, oluphendulayo nolwamaxabiso aphantsi. 

2.2.5    Icandelo: uphicotho-zincwadi lwangaphakathi

A    ICandelo loPhicotho-zincwadi lwangaphakathi  lenza umsebenzi ozimeleyo wokuqinisekisa nowenziwa ngokubonisana noyilelwe ukuba wongeze ixabiso kwindlela i-GCIS isebenza ngayo.